Molweni 2023

Golden Key


Molweni 2023.   

Post by Eduvos, January 11, 2023.

 

E-Eduvos, ngumsebenzi wethu ukubumba isakhono, kumfundi ngomfundi, ekuphuhliseni iAfrica  
 
Silisango loqhagamishelwano kunye nehlabathi liphela. Simi kwilizwe elineelwimi zalo ezili-11 ezisemthethweni, sizama ukuqinisekisa umoya owamkelayo, kunye nokukhuthaza ubandakanyo njengoko sisamkela abafundi kuzwelonke nakwihlabathi jikelele. 
 
Sikholelwa ekubekeni kwindawo yokuqala kwimfundo yakho. Sibonelela ngeedegree ze full-time, ze part-time kunye neza-online, ii-Higher Certificate kunye neeShort Learning Programmes, kwakunye nesiNgesi njengolwimi olusemthethweni lokufundisa. Isivumela ukuba sinxibelelane kwaye sifundise abafundi bethu sibalungiselele amakhondo omsebenzi kwihlabathi liphela. 
 
Nje ngokuphela kweziko elinika ithuba lokubhalisa kwangaphambili, sikunika ithuba lokukhusela isihlalo sakho kwaye wonwabele zonke izibonelelo eziza kunye nalo. Sithetha ukufikelela kwangethuba kwi student number, izaphulelo, ukhetho lwenkxaso-mali, izibonelelo zekhampasi kunye nokunye. 
 
I-Eduvos litikiti lakho kumathuba angenamda. Asinakulinda ukukwamkela. 

  BHALISA KWANGAPHAMBILI NGOKU     

Share This Story. Pick Your Platform.